Book description
INTSHAYELELO
Le ncwadi iqulathe amabalana, abalisa ngentlalo yakudala nale yale mihla. Amabalana akule ncwadi azama ukukhumbuza, ukufundisa kunye nokuhlomla ngokubanzi ngendlela impilo yomnye umntu ingamchaphazela ngayo omnye umntu.
Amabalana amaninzi apha azoba nje imifanekiso-ngqondweni kunye nemibono, awasingiselwanga kwalatha bani. Yiyo loo nto amagama asetyenzisiweyo maxawambi awabhekiselele mntwini uthile. Ezinye ke iziganeko apha zaziphila, zimbi ziyaphila. Hamba minyaka.
AMAGQABANTSHINTSI NGOMBHALI
UNontsikelelo Duka, yintombi ezalwa kwikhaya lakwaMei, emaBheleni, kwilali yaseQoboshane eHeshele. Ufunde kwizikolo, iiKholeji kunye neeYunivesithi zeli. Uye wathweshwa isidanga seMasters in Education, yiYunivesiti yaseFreyistata.
NjengeHlubikazi, irhanuga esiXhoseni, umdla wakhe kulwimi lwesiXhosa uphenjelelwe kukufunda kwakhe kwiKholeji yaseMthwaku eSt. Matthews, waza wasifunda ke ukuya phambili.





