Book description
INTSHAYELELO
Eli lilinge lam lokuqala ekubhaleni incwadi yemibongo. Le mibongo igxile kakhulu kwimiba yeengxaki esigaxeleka kuzo imihla ngemihla. Ezi ngxaki ziquka udlwengulo, ukufa, ukubalawa kwamanina, ukuphathwa gadalala kwabantwana norhwaphilizo.
Ukubhala imibongo yindlela endiveza ngayo imvakalelo yam. Konke okubhaliweyo ndikubhale ngexesha lemvakalelo yam.
Ngxatsho ke siba lwam!!
AMAGQABANTSHINTSI NGOMBHALI
NdinguHlumisa Maxolo. Ndalibona ilanga ngomhla we 23 kweyoKwindla kunyaka ka 2006. Ndazalelwa eRhawutini. Ndizalwa ngumama wam uNdileka Patricia Maxolo kuye notata wam uMichael Oupa Nkosi.
Ndihlala kwilokishi yaseZibeleni eKomani. Ndifunde amabanga aphantsi eUnathi Mkefa Primary School. Ndingumfundi webanga leshumi elinanye (grade 11) kwisikolo iSixishe Agricutural High School eZibeleni eKomani, eMpuma Koloni.
Ndikhuliswe zizandla ezinobubele nothando, abazali abadlale indima enkulu ekundixhaseni nasekundikhuthazeni ukuphuhlisa isakhono sam sokubhala. Ndingakhankanya utatomkhulu wam uZinyusile Jaji noMalume wam uPhelelani Jaji nongasekhoyo umhakhulu wam uNozuko Mavuya.
Ndaqala ukuba yimbongi ngonyaka ka 2021 ndisenza ibanga lethoba (grade 9). Apho ndaye ndakhuthazwa kakhulu ngutitshalakazi wam wesiXhosa umama uMbeki owandicebisa ukuba ndiyibhale imibongo yam.
Kunyaka ka2023 ndiye ndangenela ukhuphiswano lokubhala nokubonga imibhongo apho ndaye ndaphuma phambili. Ndiyifumene kakhulu inkxaso koogxa bam endifunda nabo abangaba: Inam Koki, Chuma Bende no Indiphile Mantshongo.
Iphupha lokuba ngumbhali weencwadi lagqatsa ngakumbi mhla ndandimamele umama uMirranda Javu ethetha kumzi wosasazo uMhlobo Wenene, ekhuthaza ababhali ngobhalo lweencwadi kwaye ekhuthaza nokupapashwa kweencwadi ngababhali abasakhasayo, ingakumbi abantwana bezikolo.
Andizange ndiphozise maseko. Ndaqhagamishelana naye. Kungoko namhlanje nam ndifumene ithuba lokupapasha eyam incwadi yemibongo ethi, “IHLUMISO”.
Ndizimisele ukuqhubeka ngokubhala ngolwimi lwesiXhosa ukuze nesizukulwana esizayo sikwazi ukuxhamla ubuncwane bolu lwimi. Ndinqwenela nokuba ngumzekelo kubabhali abasakhasayo.
Ngxatsho ke!!





