Book description
ISISHWANKATHELO
Kwimihla esiphila kuyo amabhinqa aye acinezeleke emitshatweni ngenxa yokungafumani bantwana. Izityholo zokungafumani bantwana zibekwa kuwo. Iye ingathathelwa ngqalelo into yokuba ngelinye ixesha nabo ootata baye bachaphazeleke yile ngxaki.
Iinjongo zokubhala le ncwadi kukuveza ukuba asimabhinqa odwa acaphazelekayo kule meko. Into ethetha ukuba mayibe luxanduva lwabo bobabini ukukhangela unobangela ukuze bafumane uncedo, bangatyholani.
Makubenjalo
AMABAL’ENGWE NGOMBHALI
NdinguLihle Mkhwambi, uMaNgcuse, uMaNtlangwane, uMaGcala. Ndiyintombi kamama uVeliswa Mkhwambi kunye notota uJongikhaya Maze. Ndazalwa ngomhla wama-22 kweyoMnga ngonyaka ka2007, ndizalelwa kwilali yakuMncetyana, kwidolophu yakuTsolo, eMpuma Koloni.
Ndingumfundi webanga leshumi kwisikolo iLutuka Senior Secondary School, kwilali yase Ntshiqo kwidolophu yakuTsolo. Amabanga aphantsi ndiwafunde eLower Malepe-lepe Primary School, kwilali yaseMncetyana kuTsolo apho lwaqala khona uthando lwam kulwimi lwesiXhosa ndisekwibanga lwesithathu, ndifundiswa ngutitshalakazi uThungela.
Ndithe xa ndisenza ibanga lesihlanu ngonyaka ka 2019, saqala saphuhla isakhono sam sokubhala phantsi kotitshala wam uMathe, ndaze ndaqalisa ukubhala ngolwimi lwesiXhosa.
Kwakuloo nyaka ka2019, ndafumana imbasa kukhuphiswano lwemibongo kwisekethe. Ndagqwesa, ndaze ndadlulela kukhuphiswano lwezikolo zonke zesithili sakuQunbu nakuTsolo, nalapho ndabuya nentshinga.
Kunyaka ka 2021, ndafumana imbasa kukhuphiswano lokufunda ngokuvakalayo, ndaze ngonyaka ka 2023 ndaphuma phambili kulwimi lwesiXhosa.
Eli lilinge lam lokuqala ekubhaleni nasekupapasheni. Endithemba ukuba nizakonwabela ukufunda incwadi yam.
Makube njalo!





