Book Description
Ngxatsho ke mzi wakwaNtu, nanjengembongi yomthonyama mandithi gqaba-gqaba nditshayele le nkundla. Ndithe mandibinze ngosiba kule nkab’enkomo ukuze kuvele obu buncwane besihobe. Nantso ke imibongo yam ndiniphakele ndanophulela kule mbiza kaXhosa, khanincinde ningcamle nidle nihluthe nee ntsana zenu, ndee gwiqi.
Author: Zama Batyi
Mna ndingu Zama Batyi ndizalwa nguMadoda Batyi noNophumzile Batyi, inkaba kaTata iseCofimvaba kwisithili saseQamata, ngapheleleyo ngumnombo wam lowo kodwa mna ndizalelwe ndakhulela eNtshona Koloni, amabanga aphantsi naphakamileyo ndiwenze khona. Ukubonga oku nokubhala kugqabhuke xa ndibuya esuthwini sendikwelokuzalwa kwilizwe lokuzalwa koookhokho sendise Mpuma Koloni. Ndiqhubekile ndibonga apho de kwafika ilixa lokubuyela kwam eKapa kwakho.
Ndibongile kwiminyhadala namatheko asekuhlaleni ndabonga phakathi kweengcungcu neengcaphephe zeengqondi naphakathi kweenkokheli zeli lizwe le-Afrika ndithi ndibongile mhla u Professor Chinua Achebe wayeseKapa eyokuthwesa isidanga sobugqirha kwidyunivesiti yaseKapa (UCT), ndabonga namhla uDr Kenneth Kaunda wayethwes’isidanga kwidyunivesiti yaseNtshona Koloni (UWC), ndabonga namhla kubekwa inkonde neenyange kwezepolitiki ubawo uSisulu ndatsho ndathi ndlela ntle Xhamela. Ndibongile kwizigaba neziganeko ezenzekileyo kulo Mzantsi kodwa ndobuya ndizikhankanye ngeliny’ilanga.
Ndikhe ndagalela kwimidlalo yeqonga imidlalo efana noo eMngxobhozweni ngokubhalwe nguProfessor Mkhonto, ndangena kwimidlalo efana noFeziwe okanye iNkohlakalo kwathi kanti andiphelelalanga apho ndizakungena nakumabona kude ndidlalile kumboniso othi NCEDANI BO! Ndangena kuMADAM and EVE kwakunye naku EMZINI WENTSIZWA ndaqhubekeka ndenjenjeya ndabonakala kuRHYTHM CITY, kwiSCANDAL naku GENERATIONS ndayokuthi thakanca nakwi THE QUEEN njalo- njalo. Kukangako ke mawethu.






