Book description
Le mibongo ingemibongo eyahlukeneyo echukumisa imizwa yembongi. Yimibongo evelele zonke iinkalo zobomi ukususela kwezopolitiko, ezenkolo, ezoqoqosho kwakunye nendalo.
Iinjongo zale ncwadi kukufundisa, ukuxhobisa ngolwazi nokuvuselela izazela zoluntu kwimiba ngemiba. Yophula ivuthiwe, ungafi yindlala sikho. Ikhuba lithengwa ngokubonwa.
“Ezi zibongo ziphuhlisa iingqondo kwimibandela yempilo kwaye zikwathundeza zichukumise neentliziyo zoluntu ngokubanzi. Rhanuka ndini, zinje ngomdudo kaMaphasa”. – Dr. L.K. Mletshe.
Author: Bonke Xakatha
AMAGQABANTSHINTSI NGOMBHALI
UBonke wazalwa ngomhla we-19 kuCanzibe ngowe-1994 kwiphondo leMpuma Kapa, eMqanduli kummandla owawusakuba yiTranskei. Ukhule esaziwa njengembongi yomthonyama apho aqababuke sele esaziwa njengembongi kaNkosi uDalisizwe Dudumayo wamaTshomane. Ngowama-2009 waqala ukubhala imibongo yakhe ephenjelelwa ziimbono zakhe ngobom, indalo kunye nabantu ngokubanzi. Ubhala ngayo nantonina emdlwengula umxhelo. UBonke ukholelwa ngamandla kwintetho yesintu ethi ‘Umntu ngumntu ngabantu’.
Ngowama-2015 UBonke Xakatha wawongwa ngokusesikweni njengembongi yase-UWC, emva kokuvela kwimisitho eliqela ebonga uMark Seale (director of the residential services), uNjingalwazi Nomlomo (the then dean of the education faculty), uNjingalwazi P. Dube obesakuba lisekela lenqununu yeDyunivesithi nabanye. UBonke ukhe wavela kumaqonga amakhulu ebonga amakhwahla amaqhawe afana noDesmond Tutu ongasekhoyo, uKumkani uZwelonke Sigcawu (iKumkani yamaXhosa esele yakhothama) nongasekhoyo uNkosi Ngangomhlaba Matanzima weCONTRALESA.
Kwangelo xesha, gowama-2015 xa uBonke wayesemtsha kubunkokeli babafundi baseYunivesithi, wafumana iwonga lokuba ngoyena mfundi uphumelele emagqabini ezifundweni kubafundi ababeziinkokheli (Student in Leadership Top Academic Achiever). Ukwalilungu lanaphakade le-Golder Key Society, ukwangumgqatswa wezifundo zobuGqirha-lwazi (PhD), ekwalilungu lebhunga labafundi beFakhalithi yobuGcisa ngeli lixa ekwangumhlohli kwiSebe leziFundo ngeeLwimi zase-Afrika (Associate Lecturer).






